Zacarias 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Kwathi ngomnyaka wesine kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesine lwenyanga yesithoba, enguKisilevu."

2 IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,"

3 bathethe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilile na, ndizile na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenze ngako le minyaka ingaka?"

4 Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,"

5 Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?"

6 Xa benisidla naxa benisela, bekungadli nina na, bekungaseli nina na?"

7 Beningafanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?"

8 Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,"

9 Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe."

10 Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu."

11 Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, abeva."

12 Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi."

13 Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi."

14 Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Zacarias 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.