1 Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase."
2 Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na?"
3 UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa."
4 Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo."
5 Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi."
6 Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi,"
7 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha."
8 Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo."
9 Ngokuba nalo ilitye endalibeka phambi koYoshuwa; lityeni linye kobakho amehlo asixhenxe; yabona, ndikrola ukrolo lwalo, utsho uYehova wemikhosi, ndisuse ubugwenxa beli lizwe ngamini-nye."
10 Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, niya kubizelana phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane."