Salmos 52

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Kumongameli. Eyokuqiqa: ekaDavide: oko uDowegi umEdom waya waxelela uSawule, wathi kuye, UDavide ungene endlwini ka-Ahimeleki. Uqhayiselani na ngobubi, wena gorha? Inceba kaThixo ikho imihla yonke."

2 Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela, Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi."

3 Uthanda okubi kunokulungileyo; Ubuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.)"

4 Uthanda onke amazwi aginyayo, Lulwimindini lukhohlisayo."

5 Naye uThixo uya kukudiliza kuphele; Uva kukuxwila, akuncothule ententeni, Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)"

6 Obona amalungisa, oyike, Amhleke, athi,"

7 Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo, Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe, Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe."

8 Ke mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini kaThixo; Ndikholose ngenceba kaThixo ngonaphakade kanaphakade."

9 Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku; Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 52, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.