1 Kumongameli: ngogwali. Umhobe kaDavide. Wabekele indlebe amazwi am, Yehova, Kuqonde ukucamanga kwam."
2 Libazele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam; Ngokuba ndithandaza kuwe."
3 Yehova, uya kuliva izwi lam kwakusasa, Kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele."
4 Ngokuba wena akunguThixo onanze okungendawo, Akanakuphambukela kuwe onobubi."
5 Abanakuma abaqhayisi phambi kwamehlo akho; Uyabathiya bonke abasebenzi bobutshinga."
6 Uyabatshabalalisa abathetha amanga; Indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova."
7 Ke mna, ndinokungena endlwini yakho ngenceba yakho eninzi, Ndiqubude, ndibhekise etempileni yakho engcwele ngokukoyika."
8 Yehova, ndikhaphe ngobulungisa bakho ngenxa yabandilaleleyo; Yilungelelanise indlela yakho phambi kwam."
9 Ngokuba emlonyeni wabo akukho nto imiyo, Umbilini wabo ngumeyeliselo; Lingcwaba elivuliweyo umqala wabo; Bathetha okugudileyo ngolwimi lwabo."
10 Bathwalise ityala, Thixo; Makatshitshe amaqhinga abo; Elukreqweni lwabo oluninzi batyhale, Ngokuba bakuphikisile."
11 Mabavuye bonke abazimela ngawe, Bamemelele ngonaphakade, ubakhusele; Badlamke ngawe abalithandayo igama lakho."
12 Ngokuba wena uyalisikelela ilungisa, Yehova, Ulihlanganisele ngenkoliseko njengekhaka."