1 Umhobe kaDavide. LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo, Elimiweyo, nabahleli kulo;"
2 Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle, Walizinzisa phezu kwemilambo."
3 Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova? Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele?"
4 Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu, Ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe, Ongafungiyo ngenkohliso."
5 Uya kwamkela intsikelelo kuYehova, Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe."
6 Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo, Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi.(phakamisani.)"
7 Phakamisani iintloko zenu, masango; Niziphakamise, minyango yaphakade, Angene uKumkani wozuko."
8 Ngubani na ke lo Kumkani wozuko? NguYehova onamandla, oligorha; NguYehova, igorha emfazweni."
9 Phakamisani iintloko zenu, masango, Niziphakamise, minyango yaphakade, Angene lo Kumkani wozuko."
10 Ngubani na ke yena uKumkani wozuko? NguYehova wemikhosi, Nguye lo Kumkani wozuko. (Phakamisani.)"