1 Umhobe kaDavide. Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele?"
2 Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe."
3 Ngongahlebiyo ngolwimi lwakhe, Ongamenziyo into embi uwabo, Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe;"
4 Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo, Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova; Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye,"
5 Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo, Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa. Okwenzayo oko akayi kuza ashukunyiswe naphakade."