Salmos 125

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Ingoma yezinyuko. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon: Ayishukumi, ihleli ngonaphakade."

2 IYerusalem ijikelezwe ziintaba; Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni."

3 Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa, Ukuze amalungisa angazisi ebugqwetheni izandla zawo."

4 Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo, Kwabathe tye ezintliziyweni zabo."

5 Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga. Malube luxolo kuSirayeli."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 125, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.