1 Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni."
2 Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke."
3 Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade."
4 Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova."
5 Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe."
6 Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga."
7 Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe."
8 Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye."
9 Ubathumele abantu bakhe inkululeko; Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe; Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe."
10 Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi."