Miquéias 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam."

2 Udakile owenceba, akabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha."

3 Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha."

4 Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyeza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo."

5 Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zigcine iingcango zomlomo wakho."

6 Ngokuba unyana umenza isidenge uyise, intombi isukela phezulu kunina, umolokazana kuninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe."

7 Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; uya kundiva uThixo wam."

8 Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum."

9 Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe."

10 Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato."

11 Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini uya kuba kude ummiselo."

12 Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo; bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni."

13 Kuya kuba senkangala elizweni, ngenxa yabemi balo, ngenxa yeziqhamo zeentlondi zabo."

14 Yalusa abantu bakho ngentonga yakho, iigusha zelifa lakho, ezihleli zodwa, ehlathini phakathi kweKarmele; mazidle eBhashan nakwelaseGiliyadi, ngokweemini zasephakadeni."

15 Ngokweemini zokuphuma kwakho ezweni laseYiputa, ndiya kubabonisa imisebenzi ebalulekileyo."

16 Iintlanga ziya kubona, zibudanele ubugorha bazo bonke; ziya kubeka isandla emlonyeni, iindlebe zazo ziya kuba zizithulu."

17 Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho."

18 Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba."

19 Wobuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo."

20 Uya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Miquéias 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.