1 Ke kaloku, uPashure unyana kaImere, umbingeleli, lowo ke ubengumveleli oyinganga endlwini kaYehova, weva uYeremiya eprofeta la mazwi."
2 UPashure wambetha uYeremiya umprofeti, wamfaka esitokisini esisesangweni lasentla lakwaBhenjamin, elisendlwini kaYehova."
3 Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini. Wathi uYeremiya kuye, UYehova akathi linguPashure igama lakho; uthi linguNxunguphala ngeenxa zonke."
4 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikele onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabheli, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele."
5 Ndoyinikela yonke ingqwebo yalo mzi, nongeniselo lwawo lonke, neento zawo zonke ezinqabileyo; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndibunikele ezandleni zeentshaba zabo, zibuphange, zibuthabathe, zibuse eBhabheli."
6 Wena Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; uye eBhabheli, ufele khona, ungcwatyelwe khona, wena nabakuthandayo bonke, abaprofetele ubuxoki."
7 Yehova undirhwebeshile, ndarhwebesheka; undibambile, wandeyisa, ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela."
8 Ngokuba ndithi, ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini."
9 Ndithi ndakuthi, Andisayi kumkhankanya, andisayi kuthetha egameni lakhe: kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako."
10 Ngokuba ndivile intlebendwane yabaninzi, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. Xelani, simxele. Bonke abafo ababexolelene nam balinde ukuqhwalela kwam; bathi, Mhlawumbi angarhwebesheka, simeyise, simphindezele."
11 Ke uYehova unam, njengegorha elingcangcazelisayo; ngenxa yoko baya kukhubeka abandisukelayo, abayi koyisa; baya kudana kakhulu, ngokuba bengenzanga ngengqiqo; ihlazo labo lingunaphakade, alinakulityalwa."
12 Wena ke, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, uzibonayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndikutyhilele ubambano lwam."
13 Vumani kuYehova, mdumiseni uYehova, ngokuba ewuhlangule umphefumlo wehlwempu esandleni sabenzi bobubi."
14 Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo; umhla awandizala ngawo uma mawungasikeleleki."
15 Mayiqalekiswe indoda, eyamshumayeza ubawo udaba lokuthi, Uzalelwe umntwana oyinkwenkwe; yamvuyisa kakhulu."
16 Loo ndoda mayibe njengemizi awayibhukuqayo uYehova, akazohlwaya; mayive ukukhala kusasa, ive kuhlatywa umkhosi emini enkulu;"
17 ngokuba ingandibulalanga kwasesizalweni, waza waba lingcwaba lam uma, isizalo sakhe sahlala sindimithi."
18 Ibiyini na ukuba ndiphume esizalweni, ukuze ndibone ukwaphuka nesingqala, iphele imihla yam kukudana?"