Jonas 3

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Kwafika ilizwi likaYehova kuYona okwesibini, lisithi,"

2 Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo umemezo endithetha lona kuwe."

3 Wesuka ke uYona, waya eNineve ngokwelizwi likaYehova. Ke kaloku iNineve ibingumzi omkhulu kuThixo, iluhambo lweentsuku ezintathu."

4 UYona waqala wangena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mane, iNineve ibhukuqwe."

5 Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo."

6 Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini."

7 Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi;"

8 maze azigubungele ngezirhwexayo umntu nempahla enkulu, akhale kuThixo ngokunamandla, abuye elowo endleleni yakhe embi, elugonyamelweni olusezandleni zakhe."

9 Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singabhubhi?"

10 UThixo wazibona izenzo zabo, ukuba babuyile ezindleleni zabo ezimbi; uThixo wazohlwaya ngenxa yobubi, abethe uya kubenza kubo; akabenza."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jonas 3, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.