1 Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqine kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!"
2 Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga."
3 AmaYiputa angabantu, akaThixo; amahashe awo ayinyama, akamoya; ukuba uYehova angasolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke."
4 Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo."
5 Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza."
6 Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli."
7 Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingeni, nezegolide ezingeni, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo."
8 Wowa uAsiriya likrele elingelelandoda, limdle ikrele elingelelamntu, asabe phambi kwekrele, amadodana akhe afakwe uviko."
9 Ingxondorha yakhe yodlula imke ngokunxunguphala, baqhiphuke umbilini abathetheli bakhe, bemke kwibhanile; utsho uYehova, omlilo useZiyon, oziko liseYerusalem."