Ezequiel 9

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Wabiza ngelizwi elikhulu ezindlebeni zam, esithi, Sondelani, baveleli bomzi, elowo ephethe ngesandla izixhobo zakhe zokutshabalalisa."

2 Nanko ke, kusiza amadoda amathandathu ngendlela yesango eliphezulu, elikhangele entla, iyileyo iphethe ngesandla izixhobo zayo zokuhlekeza; kukho indoda phakathi kwawo eyambethe ilinen emhlophe, inezinto zokubhala ethangeni layo; eza ke ema ecaleni kwesibingelelo sobhedu."

3 Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu. Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangeni layo."

4 Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcunayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo."

5 Wathi kwamanye ezindlebeni zam, Candani esazulwini somzi emva kwayo, nixabele; malingabi nanceba iliso lenu, ningabacongi."

6 Amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, babulaleni, ukuze batshabalale; ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam. Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu."

7 Wathi ke kuwo, Yenzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi."

8 Kwathi, xa ababulalayo, ndisele mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?"

9 Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova akaboni."

10 Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo."

11 Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangeni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenze njengoko ubundiwisele umthetho ngako."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Ezequiel 9, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.