1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,"
2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho koonyana baka-Amon, uprofete ngabo,"
3 uthi koonyana baka-Amon, Liveni ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba usithi kwingcwele yam, Tshotsho! ngokuba ihlanjelwe; nakumhlaba wakwaSirayeli, Tshotsho! ngokuba wenziwe kwaba senkangala; nakwindlu yakwaYuda, Tshotsho! ngokuba bathinjiwe:"
4 ngako oko, yabona, ndikunikela koonyana basempumalanga, ukuba bamele kuwe, bamise iingqili zabo kuwe, benze neendawo zokuhlala kwabo kuwe. Bona baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho."
5 Ndiya kuyenza iRabha ibe likriwa leenkamela, eloonyana baka-Amon ndilenze libe yindawo yokubutha kwemihlambi; nazi ukuba ndinguYehova."
6 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ubethe esandleni sakho, wangqisha ngonyawo, wawuvuyela umhlaba wakwaSirayeli ngokucekisa komphefumlo:"
7 ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova."
8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba besithi ooMowabhi, noSehire, Yabonani, injengeentlanga zonke indlu yakwaYuda:"
9 ngako oko, yabonani, ndivula icala likaMowabhi, ndithabathela emizini yakhe, kwesekupheleni kwakhe, eligugu lelizwe, iBhete-yeshimoti, neBhahali-mehon, ndise eKiriyatayim."
10 Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon;"
11 ndenze izigwebo kwaMowabhi; bazi ukuba ndinguYehova."
12 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uEdom esebenze ngokuphindezela impindezelo kwindlu yakwaYuda, wazeka ityala elikhulu ngokuphindezela kubo:"
13 ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kusolula isandla sam naphezu kwelakwaEdom, ndinqumle kulo umntu nenkomo; ndilibharhise, kuthabathele kwaTeman; bawe likrele, kuse nakwaDedan."
14 Ndiya kuphindezela kwaEdom ngesandla sabantu bam amaSirayeli, benze kwaEdom ngokomsindo wam nangokobushushu bam; bakwazi ke ukuphindezela kwam; itsho iNkosi uYehova."
15 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokwenza kwamaFilisti ngempindezelo, ephindezela ngempindezelo, ecekisa emphefumlweni, esonakalisa, enobutshaba obungunaphakade:"
16 ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kusolula isandla sam phezu kwamaFilisti, ndiwanqumle amaKreti, ndiwatshabalalise amasalela aselunxwemeni lolwandle."
17 Ndiya kwenza kuwo iimpindezelo ezinkulu, ezishushu; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam impindezelo kuwo."