1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,"
2 Nyana womntu, umthi womdiliya uyidlula ngantoni na yonke eminye imithi, isebe lomdiliya eliphakathi kwemithi yehlathi?"
3 Kukha kuthatyathwe umthi yini na kuwo wokusebenza umsebenzi? Kukha kuthatyathwe nesikhonkwane na kuwo, sokuxhoma iimpahla nokuba ziziphi?"
4 Yabona, ufakwa emlilweni ukuba uwutshise; umlilo utshisa iincam zawo zombini, sirhawuke isibili sawo; wowulungela na ke umsebenzi?"
5 Yabona, oko ube usewonke, ubungenamsebenzi; wobeka phi na ke ukungabi namsebenzi, xa uthe watshiswa ngumlilo, warhawuka?"
6 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Njengomthi womdiliya phakathi kwemithi yehlathi, endiwufaka emlilweni ukuze utshiswe, ndenjenjalo ukubabeka emlilweni abemi baseYerusalem, Ndiya kubachasa;"
7 baya kuphuma emlilweni, umlilo uya kubatshisa; nazi ukuba ndinguYehova ekubachaseni kwam."
8 Ndiya kwenza elizweni kube senkangala, ngenxa yokuba bemenezile ngobumenemene; itsho iNkosi uYehova."