Êxodo 11

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha."

2 Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide."

3 UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini."

4 Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa,"

5 afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo;"

6 kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo."

7 Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli;"

8 behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo."

9 UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa."

10 UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Êxodo 11, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.