1 Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso: ithi,"
2 Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho."
3 Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni."
4 Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni."
5 Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini,"
6 abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha;"
7 kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga."
8 Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso."
9 Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli."
10 Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni."
11 Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo."
12 UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ukuba ubungqina bethu buyinene."
13 Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba;"
14 ndiyathemba ke ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Ziyakubulisa izihlobo. Zibulise izihlobo ngegama. Amen."