2 Coríntios 10

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni:"

2 ndiyakhunga ke, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndiba ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama."

3 Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;"

4 kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizezenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;"

5 siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu;"

6 sizilungisele ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela."

7 Izinto nizikhangela ngokwembonakalo na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu nathi."

8 Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo;"

9 nditsho ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi;"

10 ngokuba kuthiwa, Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akubakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto."

11 Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sinjalo ngako ukuthetha ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho."

12 Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; bona abanangqondo, bezilinganisela nje kwakubo ngokwabo, bezifanisa nje nabo ngokwabo."

13 Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlingani selo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni."

14 Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikeleli kuni; kuba sesafikelelayo nakuni sineendaba ezilungileyo zikaKristu."

15 Asiqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwabanye; ke sinethemba, ukuba lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, sigqithisele,"

16 side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe."

17 Oqhayisayo ke, makaqhayise ngeNkosi."

18 Kuba oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Coríntios 10, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.