1 Crônicas 25

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli:"

2 Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani."

3 KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova."

4 KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti."

5 Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabane, neentombi ezintathu."

6 Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman."

7 Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo."

8 Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo."

9 Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;"

10 elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;"

11 elesine noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

12 elesihlanu noNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

13 elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

14 elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

15 elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

16 elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

17 eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

18 eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

19 eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

20 eleshumi elinesithathu noShubhayeli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

21 eleshumi elinesine noMatitiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

22 eleshumi elinesihlanu noYeromoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

23 eleshumi elinesithandathu noHananiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

24 eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

25 eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;"

26 eleshumi elinesithoba noMaloti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

27 elamashumi omabini noEliyata: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

28 elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

29 elamashumi omabini anesibini noGidaleti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;"

30 elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhebaba lishumi elinababini;"

31 elamashumi omabini anesine noRomamti-ezere: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Crônicas 25, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.